Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 14:24-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Kuba ndithi kuni, akukho nanye kuloo madoda abemenyiwe, eya kusiva isidlo sam.

25. Ke kaloku kwaye kuhamba naye izihlwele ezikhulu; wajika, wathi kuzo,

26. Ukuba ubani uza kum, angamthiyi uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabazalwana, nodade, ewe, nobakhe ubomi, akanakuba ngumfundi wam.

27. Nosukuba engawuthwali umnqamlezo wakhe, andilandele, akanakuba ngumfundi wam.

28. Kuba nguwuphi na kuni othi, ethanda ukwakha inqaba, angàkhe ahlale phantsi kuqala, abale indleko, ukuba unazo na izinto zokuyigqiba?

29. Hleze, akubon' ukuba usibekile isiseko, angabi nakugqiba, bathi bonke ababonelayo baqale ukuhlekisa ngaye, besithi,

30. Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa ukugqiba.

31. Kananjalo nguwuphi na ukumkani othi, esiya kuhlangana nomnye ukumkani emfazweni, angakhe ahlale phantsi kuqala, acinge ukuba unako na, enashumi-nye lamawaka, ukuhlangabeza omzelayo enamashumi amabini amawaka?

32. Ukuba ke akanako, uthi esekude, athume isigidimi, acele iindawo zoxolo.

33. Ngokukwanjalo ngoko, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke iimpahla zakhe, akanakuba ngumfundi wam.

funda isahluko epheleleyo Uluka 14