Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 14:14-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. wòba nentsikelelo; ngokuba àbanako ukubuyekeza kuwe; kuba ùya kubuyekezwa wena eluvukweni lwamalungisa.

15. Ke kaloku, akuziva ezo zinto omnye kwabo babehleli naye, wathi kuye, Únoyolo oya kudla isonka ebukumkanini bukaThixo.

16. Uthe ke yena kuye, Umntu othile wenza isidlo esikhulu, wamema abaninzi.

17. Wasusa umkhonzi wakhe ngelixa lesidlo, ukuba aye kuthi kwabamenyiweyo, Yizani; ngokuba konke sekulungisiwe.

18. Baqala bonke ngakunye ukuzilanduleka; owokuqala wathi kuye, Ndithengé intsimi, kufuneka ukuba ndiphume ndiye kuyibona; ndiyakucela, mandibe ngowabalandulelwayo.

19. Wathi omnye, Ndithengé iinkomo zeedyokhwe ezintlanu, ndiya kuziva; ndiyakucela mandibe ngowabalandulelwayo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 14