Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 14:11-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Ngokuba wonke umntu oziphakamisayo, uya kuthotywa; nozithobayo uya kuphakanyiswa.

12. Wayesithi ke nakulowo ummemileyo, Xa sukuba usenza isidlo sasemini, nokuba sesangokuhlwa, musa ukubiza izihlobo zakho, nabazalwana bakho, nemizalwane yakho, nabamelwane abazizityebi; hleze nabo babuye bakumeme, ize oko kube yimbuyekezo kuwe.

13. Yithi xa sukuba usenza isidlo, umeme amahlwempu, izilima, iziqhwala, iimfama;

14. wòba nentsikelelo; ngokuba àbanako ukubuyekeza kuwe; kuba ùya kubuyekezwa wena eluvukweni lwamalungisa.

15. Ke kaloku, akuziva ezo zinto omnye kwabo babehleli naye, wathi kuye, Únoyolo oya kudla isonka ebukumkanini bukaThixo.

16. Uthe ke yena kuye, Umntu othile wenza isidlo esikhulu, wamema abaninzi.

17. Wasusa umkhonzi wakhe ngelixa lesidlo, ukuba aye kuthi kwabamenyiweyo, Yizani; ngokuba konke sekulungisiwe.

18. Baqala bonke ngakunye ukuzilanduleka; owokuqala wathi kuye, Ndithengé intsimi, kufuneka ukuba ndiphume ndiye kuyibona; ndiyakucela, mandibe ngowabalandulelwayo.

19. Wathi omnye, Ndithengé iinkomo zeedyokhwe ezintlanu, ndiya kuziva; ndiyakucela mandibe ngowabalandulelwayo.

20. Wathi omnye, Ndizeké umfazi, ngenxa yoko andinakuza.

21. Efikile loo mkhonzi, wayibikela ke inkosi yakhe ezo ndawo. Wandula waqumba umninindlu, wathi kumkhonzi wakhe, Phuma kamsinya, uye ezitratweni nakwizitratwana zomzi, uqukele apha amahlwempu nezilima neziqhwala neemfama.

22. Wathi umkhonzi, Nkosi, kwenzeké njengoko ubuyalele, ukanti kusekho indawo.

23. Yathi inkosi kumkhonzi lowo, Phuma uye ezindleleni, nasezintangweni, ubanyanzele bangene, ukuze indlu yam izale.

24. Kuba ndithi kuni, akukho nanye kuloo madoda abemenyiwe, eya kusiva isidlo sam.

25. Ke kaloku kwaye kuhamba naye izihlwele ezikhulu; wajika, wathi kuzo,

26. Ukuba ubani uza kum, angamthiyi uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabazalwana, nodade, ewe, nobakhe ubomi, akanakuba ngumfundi wam.

27. Nosukuba engawuthwali umnqamlezo wakhe, andilandele, akanakuba ngumfundi wam.

28. Kuba nguwuphi na kuni othi, ethanda ukwakha inqaba, angàkhe ahlale phantsi kuqala, abale indleko, ukuba unazo na izinto zokuyigqiba?

funda isahluko epheleleyo Uluka 14