Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 14:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi, akuba engene ngesabatha endlwini yomnye wakubaphathi babaFarisi, ukuba adle isonka, bahlala bemlalele bona.

2. Kwabonakala kukho phambi kwakhe mntu uthile unegalimoya.

3. Waphendula uYesu wathetha kubo abaqondisi-mthetho nabaFarisi, esithi, Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha?

4. Bathi quthu ke bona. Wamthabatha, wamphilisa, wamndulula.

5. Wabaphendula wathi, Lelikabani na kuni apha iesile, nokuba yinkomo, eya kweyela equleni, aze angayirholi kwaoko ngomhla wesabatha?

6. Bakhohlwa ukumphendula kwezo zinto.

7. Ke kaloku wathetha umzekeliso kwababemenyiwe, akugqala ukunyula kwabo izilili zobukhulu;

8. wathi kubo, Xa uthe wamenyelwa emsithweni ngubani, musa ukungqengqa esililini sobukhulu; hleze obekekileyo kunawe abe ubemenyiwe nguye,

9. eze lowo ubenimemile, athi kuwe, Khwelela lo mntu; uze uqale ukuthabatha indawo esekugqibeleni udanile.

10. Yithi xa uthe wamenywa, uye uhlale endaweni esekugqibeleni, ukuze, xa athe weza lowo ukumemileyo, athi kuwe, Sihlobo, nyukela ngasentla; wandule ke ukuba nozuko emehlweni abo bahleli ndawonye nawe.

funda isahluko epheleleyo Uluka 14