8. Aphendule ke yena athi kuye, Nkosi, wuyeke nangaló mnyaka, ndide khendimbe ndiwurhaqe, ndigalele umgquba.
9. Ukuba ke uthe wavelisa isiqhamo, wòwuyeka; ke ukuba akubanga njalo, wòbuya uwugawule.
10. Ke kaloku wayefundisa kwenye yezindlu zesikhungu ngayo isabatha.
11. Kwabonakala kukho ntokazi ibinomoya wobulwelwe iminyaka elishumi elinesibhozo; yaye igobile, ingenako kanye ukuziphakamisa.
12. Eyibonile ke uYesu, wayibiza wathi kuyo, Ntokazindini, khululeka ebulwelweni bakho.
13. Wayibeka ke izandla; yoluka kwangoko, yazukisa uThixo.
14. Ke kaloku waphendula umphathi wendlu yesikhungu, ecaphuka kuba uYesu waphilisa ngesabatha, wathi kwizihlwele, Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo; yizani ngayo ngoko niphiliswe, kungabi ngawo umhla wesabatha.
15. Yamphendula ngoko iNkosi, yathi, Mhanahanisindini, akathi na elowo kuni ayikhulule ngesabatha inkomo yakhe, nokuba liesile lakhe, emkhumbini wesitali, alirhole aye kuliseza?