Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 13:6-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wabethetha ke lo mzekeliso: Ubani wayenomkhiwane, utyelwe esidiliyeni sakhe; weza efuna isiqhamo kuwo, akafumana nto. Wathi ke kumsébenzi-sidiliya,

7. Uyabona, ndiminyaka mithathu ndiza ndifuna isiqhamo kulo mkhiwane, ndingafumani nto; wugawule; yini na ukuba úde uphuthise nomhlaba.

8. Aphendule ke yena athi kuye, Nkosi, wuyeke nangaló mnyaka, ndide khendimbe ndiwurhaqe, ndigalele umgquba.

9. Ukuba ke uthe wavelisa isiqhamo, wòwuyeka; ke ukuba akubanga njalo, wòbuya uwugawule.

10. Ke kaloku wayefundisa kwenye yezindlu zesikhungu ngayo isabatha.

11. Kwabonakala kukho ntokazi ibinomoya wobulwelwe iminyaka elishumi elinesibhozo; yaye igobile, ingenako kanye ukuziphakamisa.

12. Eyibonile ke uYesu, wayibiza wathi kuyo, Ntokazindini, khululeka ebulwelweni bakho.

13. Wayibeka ke izandla; yoluka kwangoko, yazukisa uThixo.

14. Ke kaloku waphendula umphathi wendlu yesikhungu, ecaphuka kuba uYesu waphilisa ngesabatha, wathi kwizihlwele, Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo; yizani ngayo ngoko niphiliswe, kungabi ngawo umhla wesabatha.

funda isahluko epheleleyo Uluka 13