Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 12:46-59 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

46. yofika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayilindeleyo, nangelixa angalaziyo, ize imnqumle kubini, immisele isabelo sakhe nabangathembekileyo.

47. Yena ke loo mkhonzi, ubekwazi ukuthanda kwenkosi yakhe, àkalungisa, àkenza ngokuthanda kwayo, uya kutyatyulwa ngemivumbo emininzi;

48. ke yena obengazi, wenza ke okufanele imivumbo, uya kutyatyulwa ibe mbalwa. Kubo bonke abanikwe okukhulu, kuya kufunwa okukhulu kubo; nakulowo kubekwe okukhulu kuye, kuya kubizwa okungaphezulu.

49. Ndizé kuphosa umlilo ehlabathini; hayi, ukufuna kwam, ukunga unge useluphenjiwe!

50. Kukho ke lubhaptizo ndifanele ukubhaptizwa ngalo; asikuko nokuba ndicinezelekile lude lufezeke.

51. Niba ndizé kungenisa uxolo na ehlabathini? Ndithi kuni, Hayi, kanye ndizé kungenisa imbambano.

52. Kuba kuya kuthi, kuthabathela kwalapha, kubekho abahlanu ndlwini-nye bebambene, abathathu bebambene nababini, nababini bebambene nabathathu.

53. Kuya kubambana uyise nonyana, unyana noyise; unina nentombi, intombi nonina; uninazala nomolokazana, umolokazana noninazala.

54. Wayesithi ke nakuzo izihlwele, Xa nithe nalibona ilifu liphuma entshonalanga, nithi kwaoko, Kuza isiphango; kusuke kube njalo.

55. Naxa sukuba nibona umoya wasezantsi uvuthuza, nithi, Kuya kubakho ulophu; lusuke lubekho.

56. Bahanahanisindini, niyakwazi ukuyicalula imbonakalo yomhlaba neyezulu; kungani na ke ukuba ningalicaluli lona eli xesha?

57. Yini na ke ukuba nina ngokwenu ningakwahluli okububulungisa?

58. Kuba xa uya nommangaleli wakho phambi komlawuli, yithi endleleni apho usebenze ukuthi uzikhulule kuye; hleze akurholele kumgwebi, aze umgwebi akunikele kumsila, umsila ukuphose entolongweni.

59. Ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela.

funda isahluko epheleleyo Uluka 12