Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 12:40-50 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. Nani ngoko yibani nilungile; ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo.

41. Wathi ke uPetros kuye, Nkosi, lo mzekeliso uwuthetha kuthi, uwuthetha kubo bonke, kusini na?

42. Ithe ke iNkosi, Ngubani na ke elo gosa lithembekileyo, liqondileyo, eyothi inkosi ilimise phezu kwabendlu yayo, ukuze libanike umamkelo wabo wokudla ngexesha elifanelekileyo?

43. Únoyolo loo mkhonzi eyothi, yakufika inkosi yakhe, imfumane esenjenjalo.

44. Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo.

45. Ukuba ke loo mkhonzi uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam iyalibala ukuza; aze aqale azibethe izicaka nezicakakazi, adle, asele, anxile:

46. yofika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayilindeleyo, nangelixa angalaziyo, ize imnqumle kubini, immisele isabelo sakhe nabangathembekileyo.

47. Yena ke loo mkhonzi, ubekwazi ukuthanda kwenkosi yakhe, àkalungisa, àkenza ngokuthanda kwayo, uya kutyatyulwa ngemivumbo emininzi;

48. ke yena obengazi, wenza ke okufanele imivumbo, uya kutyatyulwa ibe mbalwa. Kubo bonke abanikwe okukhulu, kuya kufunwa okukhulu kubo; nakulowo kubekwe okukhulu kuye, kuya kubizwa okungaphezulu.

49. Ndizé kuphosa umlilo ehlabathini; hayi, ukufuna kwam, ukunga unge useluphenjiwe!

50. Kukho ke lubhaptizo ndifanele ukubhaptizwa ngalo; asikuko nokuba ndicinezelekile lude lufezeke.

funda isahluko epheleleyo Uluka 12