Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 12:36-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

36. nani nibe njengabantu abayilindileyo inkosi yabo, xeshikweni iya kubuya emsithweni; ukuze bathi, yakufika inkqonkqoze, bayivulele kwaoko.

37. Banoyolo abo bakhonzi, eyothi yakufika inkosi, ibafumane belindile. Inene ndithi kuni, iya kubhinqa, ibangqengqise bona, ize isondele ibalungiselele.

38. Nokuba ithe yeza ngowesibini umlindo wobusuku, nokuba ithe yeza ngowesithathu umlindo, yafika kunjalo, banoyolo abo bakhonzi.

39. Kwazini ke oku, ukuba umninindlu ebesazi ukuba isela liza ngaliphi na ilixa, ange elindile, akayiyekela indlu yakhe igqojozwe.

40. Nani ngoko yibani nilungile; ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo.

41. Wathi ke uPetros kuye, Nkosi, lo mzekeliso uwuthetha kuthi, uwuthetha kubo bonke, kusini na?

42. Ithe ke iNkosi, Ngubani na ke elo gosa lithembekileyo, liqondileyo, eyothi inkosi ilimise phezu kwabendlu yayo, ukuze libanike umamkelo wabo wokudla ngexesha elifanelekileyo?

43. Únoyolo loo mkhonzi eyothi, yakufika inkosi yakhe, imfumane esenjenjalo.

44. Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo.

45. Ukuba ke loo mkhonzi uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam iyalibala ukuza; aze aqale azibethe izicaka nezicakakazi, adle, asele, anxile:

46. yofika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayilindeleyo, nangelixa angalaziyo, ize imnqumle kubini, immisele isabelo sakhe nabangathembekileyo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 12