Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 12:22-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Wathi ke kubo abafundi bakhe, Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, ngokuthi ningadla ntoni na; kwanomzimba, ngokuthi ningambatha ntoni na.

23. Ubomi bukhulu kunokudla, nomzimba kunento yokwambatha.

24. Qondani ngamahlungulu la, ngokuba akahlwayeli, akavuni; kuwo akukho qonga navimba, kanti noko uThixo uyawondla; nina nibeke phi na ke, ukuzigqitha iintaka!

25. Nguwuphi na ke kuni onokuthi ngokuxhala ongèze ebukhulwini bakhe ikubhite* ibe nye?

26. Ukuba ngoko aninako ukwenza neyona nto incinane, yini na ukuba nizixhalele ezinye?

27. Qondani ngeenyibiba, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta; ndithi ke kuni, Naye uSolomon, kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathanga nanjenganye yazo ezi.

28. Ukuba ke ingca, leyo isendle, ethi namhla ibekho, ize ngomso iphoswe eziko, wenjenjalo uThixo ukuyambesa, wobeka phi na ke kuni, bantundini balukholo luncinane?

29. Nani nize ningafuni ukuthi ningadla ntoni na, nisele ntoni na;

30. kanjalo nize ningathingazi; ngokuba zonke ezo nto zingxanyelwe ziintlanga zehlabathi; uYihlo ke uyazi ukuba niziswele ezo zinto.

funda isahluko epheleleyo Uluka 12