Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 12:21-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Únjalo lowo uziqwebela ubutyebi, engenabutyebi kuThixo.

22. Wathi ke kubo abafundi bakhe, Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, ngokuthi ningadla ntoni na; kwanomzimba, ngokuthi ningambatha ntoni na.

23. Ubomi bukhulu kunokudla, nomzimba kunento yokwambatha.

24. Qondani ngamahlungulu la, ngokuba akahlwayeli, akavuni; kuwo akukho qonga navimba, kanti noko uThixo uyawondla; nina nibeke phi na ke, ukuzigqitha iintaka!

25. Nguwuphi na ke kuni onokuthi ngokuxhala ongèze ebukhulwini bakhe ikubhite* ibe nye?

26. Ukuba ngoko aninako ukwenza neyona nto incinane, yini na ukuba nizixhalele ezinye?

27. Qondani ngeenyibiba, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta; ndithi ke kuni, Naye uSolomon, kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathanga nanjenganye yazo ezi.

28. Ukuba ke ingca, leyo isendle, ethi namhla ibekho, ize ngomso iphoswe eziko, wenjenjalo uThixo ukuyambesa, wobeka phi na ke kuni, bantundini balukholo luncinane?

29. Nani nize ningafuni ukuthi ningadla ntoni na, nisele ntoni na;

30. kanjalo nize ningathingazi; ngokuba zonke ezo nto zingxanyelwe ziintlanga zehlabathi; uYihlo ke uyazi ukuba niziswele ezo zinto.

31. Funani ubukumkani bukaThixo nina, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.

32. Musani ukoyika, mhlambi mncinane; ngokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani.

33. Thengisani ngeempahla zenu, nilize ngazo; zenzeleni iingxowa zemali ezingagugiyo, ubutyebi obungapheliyo emazulwini, apho kungasondeliyo sela, kungonakalisiyo nanundu;

34. kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.

35. Mazibe zibhinqiwe izinqe zenu, nezibane zenu zivutha;

36. nani nibe njengabantu abayilindileyo inkosi yabo, xeshikweni iya kubuya emsithweni; ukuze bathi, yakufika inkqonkqoze, bayivulele kwaoko.

37. Banoyolo abo bakhonzi, eyothi yakufika inkosi, ibafumane belindile. Inene ndithi kuni, iya kubhinqa, ibangqengqise bona, ize isondele ibalungiselele.

38. Nokuba ithe yeza ngowesibini umlindo wobusuku, nokuba ithe yeza ngowesithathu umlindo, yafika kunjalo, banoyolo abo bakhonzi.

funda isahluko epheleleyo Uluka 12