Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 12:15-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Wathi ke kubo, Lumkani, nizilinde ngasekubaweni; ngokuba ubomi bomntu abumi ngabuninzi bempahla yakhe.

16. Wathetha ke umzekeliso kubo, esithi, Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu;

17. wayecamanga phakathi kwakhe, esithi, Ndiya kuthini na; ngokuba andinandawo ndiya kuzihlanganisela kuyo iziqhamo zam?

18. Wathi, Nantsi into endiya kuyenza; ndiya kubawisa phantsi oovimba bam, ndakhe abangaphezulu kwabo; ndizihlanganisele khona zonke izilimo zam, nezinto zam ezilungileyo;

19. ndithi kuwo umphefumlo wam, Mphefumlo, unezinto ezininzi ezilungileyo, ezibekelwe iminyaka emininzi; phumla, yidla, sela, yiba nemihlali.

20. Uthe ke uThixo kuye, Msweli-kuqonda, ngobu busuku umphefumlo wakho uya kubizwa kuwe; ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uzilungisileyo?

21. Únjalo lowo uziqwebela ubutyebi, engenabutyebi kuThixo.

22. Wathi ke kubo abafundi bakhe, Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, ngokuthi ningadla ntoni na; kwanomzimba, ngokuthi ningambatha ntoni na.

23. Ubomi bukhulu kunokudla, nomzimba kunento yokwambatha.

24. Qondani ngamahlungulu la, ngokuba akahlwayeli, akavuni; kuwo akukho qonga navimba, kanti noko uThixo uyawondla; nina nibeke phi na ke, ukuzigqitha iintaka!

funda isahluko epheleleyo Uluka 12