Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 11:7-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. aze asuke lowo ungaphakathi aphendule athi, Musa ukundaphula; seluvaliwe ucango, nabantwana bam basesililini nam; andinako ukuvuka ndikunike?

8. Ndithi kuni, Nokuba akayi kuvuka amnike, ngakuba engumhlobo wakhe, noko ngenxa yozingiso lwakhe olungenantloni wovuka, amnike inani alisweleyo.

9. Nam ndithi kuni, Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa.

10. Kuba wonke umntu ocelayo, uyazuza; nalowo ufunayo, uyafumana; nalowo unkqonkqozayo, uya kuvulelwa.

11. Nguwuphi na ke uyise kuni oya kuthi, unyana akucela isonka, amnike ilitye; athi akucela intlanzi, amnike inyoka endaweni yentlanzi?

12. Athi, ukuba uthe wacela iqanda, amnike unomadudwane?

13. Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo wasemazulwini, ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?

14. Wayekhupha idemon, yaye ke isisidenge. Kwathi ke yakuphuma idemon, sathetha isidenge, zamangaliswa izihlwele.

15. Kodwa abathile kubo bathi, Úzikhupha iidemon ngoBhelezebhule, umphathi weedemon.

16. Baye ke bambi bemlinga, befuna kuye umqondiso ophuma emazulwini.

funda isahluko epheleleyo Uluka 11