Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 11:50-54 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

50. ukuze limenywe kwesi sizukulwana igazi labo bonke abaprofeti elaphalazwayo, kuseloko lasekwayo ihlabathi;

51. lithabathela egazini lika-Abheli, lide lizise egazini likaZekariya, owatshabalalela phakathi kwesibingelelo nendawo eyingcwele. Ewe, ndithi kuni, liya kumenywa kwesi sizukulwana.

52. Yeha nina, baqondisi-mthetho! Ngokuba nasisusa isitshixo sokwazi; nina anangena, nabangénayo nabaléla.

53. Ke kaloku, akubon' ukuba uyazithetha ezi zinto kubo, baqala ababhali nabaFarisi ukuba nenqala enkulu nokumcofa ngemibuzo emininzi,

54. bemlalele, befuna ukunqakula into ephuma emlonyeni wakhe, ukuze bammangalele.

funda isahluko epheleleyo Uluka 11