Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 11:44-51 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

44. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba ninjengamangcwaba angabonakaliyo, abathi nabantu abahamba phezu kwawo, bangawazi.

45. Waphendula ke othile wakubaqondisi-mthetho, wathi kuye, Mfundisi, uzithetha nje ezo zinto, usiphatha kakubi nathi.

46. Uthe ke yena, Yeha, nani baqondisimthetho! Ngokuba abantu nibathwalisa imithwalo enzima, nibe nina ngokwenu ningayichukumisi imithwalo leyo nangamnye umnwe wenu.

47. Yeha, nina! Ngokuba niyawakha amangcwaba abaprofeti, babe ke ooyihlo bebabulele.

48. Kambe niyayingqinela niyithakazela imisebenzi yooyihlo; ngokuba bona okunene bababulala, niyawakha ke nina amangcwaba abo.

49. Ngenxa yoko nobulumko bukaThixo bâthi, Ndiya kubathumela abaprofeti nabapostile;* kubo abo ke baya kuyibulala inxenye, bayitshutshise inxenye;

50. ukuze limenywe kwesi sizukulwana igazi labo bonke abaprofeti elaphalazwayo, kuseloko lasekwayo ihlabathi;

51. lithabathela egazini lika-Abheli, lide lizise egazini likaZekariya, owatshabalalela phakathi kwesibingelelo nendawo eyingcwele. Ewe, ndithi kuni, liya kumenywa kwesi sizukulwana.

funda isahluko epheleleyo Uluka 11