Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 11:40-48 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. Basweli-kuqonda, owakwenzayo okungaphandle akakwenzanga na nokungaphakathi?

41. Kanye ke izinto ezingaphakathi, lizani ngazo; niyabona, zosuka zonke izinto zihlambuluke kuni.

42. Yeha, nina baFarisi! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nezenxina nezemifuno yonke, nize nidlule kuwo umgwebo nokuthanda uThixo; ezi ndawo ke benimelwe kukuthi nizenze, nithi neziya ningazishiyi.

43. Yeha, nina baFarisi! Ngokuba nithanda isihlalo sobukhulu ezindlwini zesikhungu, nemibuliso ezindaweni zembutho.

44. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba ninjengamangcwaba angabonakaliyo, abathi nabantu abahamba phezu kwawo, bangawazi.

45. Waphendula ke othile wakubaqondisi-mthetho, wathi kuye, Mfundisi, uzithetha nje ezo zinto, usiphatha kakubi nathi.

46. Uthe ke yena, Yeha, nani baqondisimthetho! Ngokuba abantu nibathwalisa imithwalo enzima, nibe nina ngokwenu ningayichukumisi imithwalo leyo nangamnye umnwe wenu.

47. Yeha, nina! Ngokuba niyawakha amangcwaba abaprofeti, babe ke ooyihlo bebabulele.

48. Kambe niyayingqinela niyithakazela imisebenzi yooyihlo; ngokuba bona okunene bababulala, niyawakha ke nina amangcwaba abo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 11