Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 11:24-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Xa umoya ongcolileyo uthe waphuma emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla; uze wakuba ungakufumani, usuke uthi, Ndiya kubuyela endlwini yam, endaphuma kuyo.

25. Uthi wakufika, uyifumane itshayelwe, ivathisiwe.

26. Wandule ukuya kuthabatha abanye oomoya abasixhenxe abangendawo kunawo, bangene ke bahlale khona; lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqalo.

27. Ke kaloku kwathi, ekuzithetheni kwakhe ezi zinto, intokazi ethile yaliphakamisa izwi layo esihlweleni eso, yathi kuye, Sinoyolo isizalo esakubambayo, nambele owawanyáyo.

28. Uthe ke yena, Yithi kanye, Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baligcine.

29. Ke kaloku, zakubon' ukuba ziqukene iindimbane, waqala ukuthi, Esi sizukulwana singendawo, singxamele umqondiso; ukanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti.

30. Kuba, njengokuba uYona waba ngumqondiso kwabaseNineve, uya kuba kwanjalo uNyana woMntu kwesi sizukulwana.

31. Ukumkanikazi waseZantsi uya kusuka eme ngomgwebo namadoda esi sizukulwana, awagwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; ukanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha.

32. Amadoda aseNineve aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; kuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ukanti ke omkhulu kunoYona nanku apha.

33. Akukho ke uthi, esibanekile isibane, asibeke endaweni efihlakeleyo, nokuba kuphantsi kwesitya; usibeka esiphathweni saso, ukuze abo bangénayo bakubone ukukhanya.

34. Isibane somzimba liliso. Xa sukuba iliso lakho lingenakumbi, umzimba wakho uphela uyakhanyiseleka; xa lithe lakhohlakala, nomzimba wakho ububumnyama.

35. Ngoko xunela ekuthini ukukhanya okukuwe kungabi bubumnyama.

36. Ukuba ngoko umzimba wakho uphela ukhanyiselekile, ungenandawo imnyama, úya kukhanyiseleka uphela, njengaxenikweni sithe isibane sakukhanyisela ngokudangazela kwaso.

37. Ke kaloku, akuba ethethile, umFarisi othile wayemcela ukuba aye komulela kuye. Ungenile ke wahlala phantsi.

38. Uthe ke akubona oku, umFarisi wamangaliswa kukuba engathanga kuqala ahlambe, phambi kokuba adle.

funda isahluko epheleleyo Uluka 11