Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 11:17-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Ke kaloku yena, ezazi izicamango zabo, wathi kubo, Bonke ubukumkani obahlulelene bodwa, buyaphanza; nendlu eyahlulelene nendlu, iyawa.

18. Ukuba ke noSathana wahlulelene yedwa, bothini na ukuma ubukumkani bakhe? Ngokuba nithi, ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule.

19. Ke ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na oonyana benu? Baya kuba ngabagwebi benu bona ngenxa yoko.

20. Ke ukuba ndizikhupha iidemon ngomnwe kaThixo, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo.

21. Xa lithi igorha lixhobe tu, lilinde ibhotwe lalo, impahla yalo ihlala inqabile;

22. kodwa xa lithe elinamandla kunalo lalifikela, laleyisa, lilihlutha sonke isikrweqe salo elabe likholose ngaso, liwabe amaxhoba alo.

23. Lowo ungengakum, uchasene nam; nalowo ungandibuthisiyo, uyachithachitha.

24. Xa umoya ongcolileyo uthe waphuma emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla; uze wakuba ungakufumani, usuke uthi, Ndiya kubuyela endlwini yam, endaphuma kuyo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 11