Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 10:31-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Ke kaloku kwathi, kwehla mbingeleli uthile ngaloo ndlela; akumbona, wacezela phaya.

32. Kwangokunjalo ke nomLevi, akufika kuloo ndawo, weza wambona, wacezela phaya.

33. Uthe ke umSamariya othile, eseluhambeni, waya kuye; wathi, akumbona, wasikwa yimfesane.

34. Wafika, wawabopha amanxeba akhe, egalela ioli newayini, wamkhwelisa eqegwini lakhe, wamsa endlwini yabahambi, wamonga.

35. Akumka ngengomso, warhola iidenariyo* zambini wanika umninindlu, wathi kuye. Uze umonge; nento ongathi ubuye udleke yona, ndokuhlawulela mna ekubuyeni kwam.

36. Nguwuphi na kwabo bathathu ngoko, othi wena, waba ngummelwane walowo wagaxeleka ezihangeni?

37. Uthe ke yena, Ngulowo wamenzela inceba. Wathi ngoko uYesu kuye, Hamba, uye kwenjenjalo nawe.

38. Ke kaloku kwathi, ekuhambeni kwabo, yena wangena mzini uthile, yathi ke intokazi ethile egama linguMarta, yamamkela ngobubele endlwini yayo.

39. Yaye ke inomsakwayo obe kuthiwa nguMariya, owathi yena wahlala ngasezinyaweni zikaYesu, emana ukuliphulaphula ilizwi lakhe.

40. UMarta ke yena wakruthakrutheka kukulungiselela okuninzi. Wema ke kufuphi wathi, Nkosi, akukhathali na, kukuba umsakwethu andiyekele ndilungiselele ndedwa? Yitsho ke kuye, andincede.

41. Waphendula ke uYesu wathi kuye, Marta, Marta, uxhaliswa uphithizeliswa zizinto ezininzi.

42. Inye yona into efunekayo; uMariya ke unyule eso sabelo silungileyo, singayi kususwa kuye.

funda isahluko epheleleyo Uluka 10