Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 10:14-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ewe, koba nokunyamezeleka okweTire nokweTsidon ngomgwebo kunokwenu.

15. Nawe Kapernahum, uphakanyiselweyo ezulwini, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo.

16. Lowo univayo nina, uva mna; nalowo unigibayo nina, ugiba mna; lowo ke ugiba mna, ugiba lowo wandithumayo.

17. Ke kaloku babuya abamashumi asixhenxe bevuyile, besithi, Nkosi, needemon ezi zisithobele egameni lakho.

18. Uthe ke kubo, Bendimbona uSathana njengombane esiwa ezulwini.

19. Niyabona, ndininika igunya lokunyathela phezu kweenyoka noonomadudwane, naphezu kwawo onke amandla alo utshaba; kanjalo akukho nto ingakhe inenzakalise.

20. Noko ke maningakuvuyeli oku, kokuba oomoya benithobele; vuyelani ke kanye okokuba amagama enu ebhaliwe emazulwini.

21. Ngelo lixa wagcoba uYesu ngomoya, wathi, Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba; ngokuba ezi zinto uzifihlile kwizilumko neengqondi, wazityhilela iintsana; ewe, Bawo, ngokuba kwakholeka kuwe ukuba kube njalo.

22. Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kanjalo akukho waziyo ukuba ungubani na uNyana, nguYise yedwa; nokuba úngubani na uYise, nguNyana yedwa, nalowo asukuba uNyana ethanda ukumtyhilela.

23. Wathi guququ kubafundi bakhe, wathi ngasese, Anethamsanqa wona amehlo abona izinto enizibonayo.

24. Kuba ndithi kuni, Baninzi abaprofeti nookumkani ababethande ukubona izinto enizibonayo nina, àbazibona; nokuva izinto enizivayo, àbaziva.

25. Kwabonakala kusuka umqondisimthetho othile, emlinga nokumlinga, esithi, Mfundisi, ndénze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?

funda isahluko epheleleyo Uluka 10