Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 1:9-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. ngokwesiko lobubingeleli, kwaba liqashiso lakhe ukuba aqhumise ubulawu, akuba engene endaweni engcwele yeNkosi.

10. Yaye yonke inkitha yabantu ithandaza ngaphandle ngelixa lesiqhumiso.

11. Kwabonakala ke kuye isithunywa seNkosi, simi ngasekunene kwesibingelelo sesiqhumiso.

12. Wakhathazeka uZekariya, akusibona, wangenelwa kukoyika.

13. Sathi ke isithunywa eso kuye, Musa ukoyika, Zekariya, ngokokuba isikhungo sakho siviwe; wóthi ke umfazi wakho uElizabhete akuzalele unyana, umthiye igama elinguYohane.

14. Ùya kuba nokuvuya nokugcoba, bathi nabaninzi bakuvuyele ukuzalwa kwakhe.

15. Kuba úya kuba mkhulu emehlweni eNkosi, angakhe asele wayini nasiselo sinxilisayo; úya kuzaliswa nguMoya oyiNgcwele kwasekuzalweni kwakhe.

16. Nento eninzi ke yoonyana bakaSirayeli úya kuyibuyisela eNkosini uThixo wabo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 1