Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 1:72-79 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

72. Ukubenzela inceba oobawo bethu,Nokukhumbula umnqophiso wayo ongcwele,

73. Isifungo eyasifungela uAbraham ubawo wethu,

74. Sokusinika ukuba sithi, síhlangulwe esandleni seentshaba zethu,Siyikhonze singenakoyika,

75. Ngobungcwele nangobulungisa emehlweni ayo, yonke imihla yobomi bethu.

76. Nawe, mntwana, uya kubizwa ngokuba ungumprofeti wOsenyangweni,Kuba ùya kuhamba phambi kobuso beNkosi, ulungise iindlela zayo,

77. Ukuze ubanike abantu bayo ukwaziwa kosindisoNgoxolelo lwezono zabo,

78. Ngenxa yenceba nemfesane yoThixo wethu,Othe ngaye wasivelela umsó wasenyangweni,

79. Ukuba úkhanye kwabo bahleliyo emnyameni, nasethunzini lokufa,Ukuba úzingenise iinyawo zethu endleleni yoxolo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 1