Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 1:70-76 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

70. Njengoko yathethayo ngomlomo wabangcwele, ababengabaprofeti bayo kwasephakadeni;

71. Usindiso lokusisindisa ezintshabeni zethu, nasesandleni sabo bonke abo basithiyayo;

72. Ukubenzela inceba oobawo bethu,Nokukhumbula umnqophiso wayo ongcwele,

73. Isifungo eyasifungela uAbraham ubawo wethu,

74. Sokusinika ukuba sithi, síhlangulwe esandleni seentshaba zethu,Siyikhonze singenakoyika,

75. Ngobungcwele nangobulungisa emehlweni ayo, yonke imihla yobomi bethu.

76. Nawe, mntwana, uya kubizwa ngokuba ungumprofeti wOsenyangweni,Kuba ùya kuhamba phambi kobuso beNkosi, ulungise iindlela zayo,

funda isahluko epheleleyo Uluka 1