Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 1:63-70 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

63. Wabiza icwecwana, wabhala esithi, Igama lakhe nguYohane.

64. Bamangaliswa bonke. Wavuleka ke kwaoko umlomo wakhe, lwathukululeka nolwimi lwakhe, wamana ethetha, ebonga uThixo.

65. Kwehla ukoyika phezu kwalo lonke umelwane lwabo; kwaye kulo lonke eleentaba lakwaYuda kuxoxwa ngazo zonke ezi zinto.

66. Bathi bonke abazivayo, bazibeka entliziyweni yabo, besithi, Azi uya kuba yintoni na lo mntwana? Saye isandla seNkosi sinaye.

67. UZekariya uyise wazala nguMoya oyiNgcwele, waprofeta esithi:

68. Mayibongwe iNkosi, uThixo kaSirayeli,Ngokuba ibavelele yabakhulula ngentlawulelo abantu bayo.

69. Yasiphakamisela uphondo losindisoEndlwini kaDavide, umkhonzi wayo,

70. Njengoko yathethayo ngomlomo wabangcwele, ababengabaprofeti bayo kwasephakadeni;

funda isahluko epheleleyo Uluka 1