Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 1:52-66 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

52. Wabawisa abanamandla ezitroneni zabo,Wabaphakamisa abathobekileyo.

53. Wahluthisa abalambileyo ngezinto ezilungileyo;Wabandulula abazizityebi belambatha.

54. Wasiza uSirayeli, umkhonzi wakhe,Ngokukhumbula inceba yakhe;

55. Njengoko wathethayo koobawo bethu,KuAbraham nakwimbewu yakhe ngonaphakade.

56. Wahlala ke uMariya naye iinyanga ngathi zaba ntathu, waza wabuyela ekhaya.

57. Ke kaloku, ixesha likaElizabhete lazaliseka lokuba azale; wazala unyana.

58. Beva abamelwane nemizalwane yakhe, ukuba iNkosi iyenze nkulu inceba yayo kuye, baye ke bevuyisana naye.

59. Kwathi ngomhla wesibhlozo, beza kumalùsa umntwana; baye bemthiya igama likayise, besithi nguZekariya;

60. koko waphendulayo unina, wathi, Hayi; uya kubizwa ngokuba nguYohane.

61. Bathi kuye, Akukho namnye ubizwa ngelo gama kwimizalwane yakho.

62. Baye ke benqwala kuyise besithi, angathanda ukuba athiweni na ukubizwa.

63. Wabiza icwecwana, wabhala esithi, Igama lakhe nguYohane.

64. Bamangaliswa bonke. Wavuleka ke kwaoko umlomo wakhe, lwathukululeka nolwimi lwakhe, wamana ethetha, ebonga uThixo.

65. Kwehla ukoyika phezu kwalo lonke umelwane lwabo; kwaye kulo lonke eleentaba lakwaYuda kuxoxwa ngazo zonke ezi zinto.

66. Bathi bonke abazivayo, bazibeka entliziyweni yabo, besithi, Azi uya kuba yintoni na lo mntwana? Saye isandla seNkosi sinaye.

funda isahluko epheleleyo Uluka 1