Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 1:32-49 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOsenyangweni; iNkosi uThixo iya kumnika itrone kaDavide, uyise,

33. abe ngukumkani phezu kwendlu kaYakobi kude kube ngunaphakade, nobukumkani bakhe bungabi nasiphelo.

34. Wathi ke uMariya kuso isithunywa, Kuya kuthini na ukubakho oku, ndingazani nandoda nje?

35. Saphendula isithunywa sathi kuye, UMoya oyiNgcwele uya kuza phezu kwakho, athi namandla Osenyangweni akusibekele; kungoko loo nto ingcwele izalwa nguwe iya kubizwa ngokuba nguNyana kaThixo.

36. Uyabona, uElizabhete, ozalana nawe, naye umithe unyana ebudaleni bakhe; nale yinyanga yesithandathu kuye, lowo bekuthiwa ngongazaliyo;

37. ngokuba akukho nanye into eya kumnqabela yena uThixo.

38. Wathi ke uMariya, Nanko umkhonzazana weNkosi; makwenzeke kum ngokwelizwi lakho. Saza isithunywa semka kuye.

39. Ke kaloku, wesuka uMariya ngaloo mihla, wasinga kweleentaba ngobungxamo, emzini wakwaYuda;

40. wangena endlwini kaZekariya, wambulisa uElizabhete.

41. Kwathi, akuwuva uElizabhete umbuliso kaMariya, lwasuka lwaxhuma usana esizalweni sakhe, wesuka wazala nguMoya oyiNgcwele uElizabhete.

42. Wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Ùnentsikelelo wena phakathi kwabafazi; sinentsikelelo nesiqhamo sesizalo sakho.

43. Kuhlé ngani na kum, ukuthi unina weNkosi yam eze kum?

44. Kuba uyabona, kuthe lakubakho izwi lombuliso wakho ezindlebeni zam, lwasuka lwaxhuma usana ngokugcoba esizalweni sam.

45. Únoyolo lowo wakholwayo koko; ngokuba kuya kubakho inzaliseko yezo zinto zithethiweyo kuye yiNkosi.

46. Wathi uMariya:Umphefumlo wam uyenza nkulu iNkosi,

47. Nomoya wam ugcobile ngoThixo uMsindisi wam;

48. Ngokuba wakukhangela ukuthobeka komkhonzazana wakhe;Kuba, uyabona, ziya kuqala kwangoku ukuthi ndingonoyolo zonke izizukulwana;

49. Ngokuba wandenzela izinto ezinkulu uSomandla;Lingcwele igama lakhe.

funda isahluko epheleleyo Uluka 1