Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 1:21-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Baye abantu bemlindile uZekariya, bemangalisiwe kukulibala kwakhe endaweni engcwele leyo.

22. Uthe ke akuphuma, akaba nako ukuthetha kubo; baqonda ukuba ubone umbono endaweni engcwele apho, waye yena emana ukunqwala kubo, wahlala engathethi.

23. Kwathi yakuzaliseka imihla yombuso wakhe, wemka waya endlwini yakhe.

24. Emveni kwayo loo mihla ke, uElizabhete umfazi wakhe wathabatha, wazizimeza iinyanga zantlanu, esithi,

25. Yenjénje iNkosi kum ngemihla eyandikhangelayo, ukuba ikususe ukungcikiveka kwam phakathi kwabantu.

26. Ke kaloku ngenyanga yesithandathu, isithunywa esinguGabriyeli sathunyelwa nguThixo emzini welaseGalili,

27. ogama liyiNazarete, kwintombi, eganelwe indoda egama linguYosefu, yendlu kaDavide; laye igama lentombi leyo linguMariya.

28. Sangena isithunywa kuye, sathi, Vuya, wena ubabalweyo! INkosi inawe; usikelelwe wena phakathi kwabafazi.

29. Uthe ke akusibona, wee qhiphu umbilini ngenxa yelizwi laso; wayecamanga ukuba ungaba mbuliso mni na lo.

30. Sathi ke isithunywa kuye, Musa ukoyika, Mariya; kuba ubabalwe nguThixo.

31. Uyabona, uya kuthabatha esizalweni, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu.*

32. Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOsenyangweni; iNkosi uThixo iya kumnika itrone kaDavide, uyise,

33. abe ngukumkani phezu kwendlu kaYakobi kude kube ngunaphakade, nobukumkani bakhe bungabi nasiphelo.

34. Wathi ke uMariya kuso isithunywa, Kuya kuthini na ukubakho oku, ndingazani nandoda nje?

35. Saphendula isithunywa sathi kuye, UMoya oyiNgcwele uya kuza phezu kwakho, athi namandla Osenyangweni akusibekele; kungoko loo nto ingcwele izalwa nguwe iya kubizwa ngokuba nguNyana kaThixo.

36. Uyabona, uElizabhete, ozalana nawe, naye umithe unyana ebudaleni bakhe; nale yinyanga yesithandathu kuye, lowo bekuthiwa ngongazaliyo;

37. ngokuba akukho nanye into eya kumnqabela yena uThixo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 1