Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 1:11-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Kwabonakala ke kuye isithunywa seNkosi, simi ngasekunene kwesibingelelo sesiqhumiso.

12. Wakhathazeka uZekariya, akusibona, wangenelwa kukoyika.

13. Sathi ke isithunywa eso kuye, Musa ukoyika, Zekariya, ngokokuba isikhungo sakho siviwe; wóthi ke umfazi wakho uElizabhete akuzalele unyana, umthiye igama elinguYohane.

14. Ùya kuba nokuvuya nokugcoba, bathi nabaninzi bakuvuyele ukuzalwa kwakhe.

15. Kuba úya kuba mkhulu emehlweni eNkosi, angakhe asele wayini nasiselo sinxilisayo; úya kuzaliswa nguMoya oyiNgcwele kwasekuzalweni kwakhe.

16. Nento eninzi ke yoonyana bakaSirayeli úya kuyibuyisela eNkosini uThixo wabo.

17. Yena úya kuhamba phambi kobuso bayo, enomoya enamandla kaEliya, ukuba azibuyisele iintliziyo zooyise kubantwana, nabangevayo kuko ukuqonda kwamalungisa, alungisele iNkosi abantu abalungisiweyo.

18. Wathi uZekariya kuso isithunywa, Ndiya kukwazi ngani na oko? Kuba mna ndimdala, waye nomfazi wam selekhulile.

19. Saphendula ke isithunywa, sathi kuye, Mna ndinguGabriyeli,* oma phambi koThixo. Ndithunyiwe ukuba ndithethe kuwe, ndikushumayeze ezi ndaba zilungileyo.

20. Uyabona, ùya kuba sisidenge, ungabi nako ukuthetha, kude kube yimini eziya kuthi zenzeke ngayo ezi zinto, ngenxa enokuba ungakholwanga ngamazwi am; aya kuzalisekiswa wona ngexesha lawo.

21. Baye abantu bemlindile uZekariya, bemangalisiwe kukulibala kwakhe endaweni engcwele leyo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 1