Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 1:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Bethé nje ke abaninzi bazamela ukucacisa ibali lezo zinto ziziziganeko phakathi kwethu,

2. njengoko basinikeláyo abo, bathi kwasekuqaleni baba ngababoneli nabakhonzi balo ilizwi:

3. kwabonakala kulungile nakum, ndizilandile nje ngokucokisekileyo zonke, ndizekela kwasentloko, ukuba ndikubhalele ngokucacileyo,

4. Tiyofilo odume kunene, ukuze uyazi kakuhle ingqiniseko yamazwi owafundisiweyo ngomlomo.

5. Ngemihla kaHerode ukumkani wakwaYuda, kwaye kukho umbingeleli othile, ogama linguZekariya, engoweqela lika-Abhiya, nomfazi wakhe engowasezintombini zika-Aron, igama lakhe linguElizabhete.

6. Bebengamalungisa ke bobabini emehlweni kaThixo, behamba ngayo yonke imithetho nemimiselo yeNkosi, bengenakusoleka.

7. Baye bengenamntwana, ngokokuba uElizabhete ebengazali, kanjalo bobabini babesebekhulile.

8. Kwathi ke kaloku, ekubuphatheni ububingeleli bakhe ngexesha leqela lakhe phambi koThixo,

9. ngokwesiko lobubingeleli, kwaba liqashiso lakhe ukuba aqhumise ubulawu, akuba engene endaweni engcwele yeNkosi.

10. Yaye yonke inkitha yabantu ithandaza ngaphandle ngelixa lesiqhumiso.

funda isahluko epheleleyo Uluka 1