5. abangababo ooyise; awaphuma kubo uKristu ngokwenyama, uThixo ongophezu konke, engowokubongwa kude kube ngunaphakade. Amen.
6. Ke, xa nditshoyo, andithethi nto nje, ngokungathi ilizwi likaThixo liphalele. Kuba asingabo bonke abaphuma kuSirayeli abangamaSirayeli;
7. kananjalo àbathe, ngakuba beyimbewu ka-Abraham, baba ngabantwana bonke; kusuke kwathiwa, Imbewu yakho iya kubizwa ngoIsake;
8. oko kukuthi, àsingabantwana benyama abangabantwana bakaThixo; ngabantwana bedinga ababalelwa ekuthini bayimbewu.
9. Kuba lilo eli ilizwi ledinga, Ngeli xesha nyakenye ndiya kuza, waye uSara eya kuba nonyana.
10. Alipheli apho ke; kwathi nakuRebheka, akubon' ukuba ukhawule ngamnye, ngoIsake ubawo wethu,
11. nakuba abantwana babengekazalwa, bengekenzi nto nelungileyo nembi, ukuze ingqibo kaThixo ngokonyulo ihlale ihleli, ingengokwasemisebenzini, ingokwalowo ubizayo:
12. kwathiwa kuye, Omkhulu uya kukhonza komnci;
13. njengokuba kubhaliwe kwathiwa,UYakobi ndamthanda, ke uEsawu ndamthiya.(UMal. 1:2,3)
14. Síthini na ke ngoko? Kukho ukuswela kulungisa kusini na kuye uThixo?
15. Nakanye! Kuba esithi kuMoses, Ndiya kuba nenceba kosukuba ndinenceba kuye, ndibe netarhu kosukuba ndinetarhu kuye.