Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 8:28-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Siyazi ke ukuba zonke izinto zisebenziselana okulungileyo kwabo bamthandayo uThixo, kwababiziweyo ngokwengqibo yakhe.

29. Ngokuba abo wabazíyo ngenxa engaphambili, wabamisela ngenxa engaphambili ukuba bafane nomfanekiselo woNyana wakhe, ukuze abe ngowamazibulo kubazalwana abaninzi.

30. Abo ke wabamisayo ngenxa engaphambili, wabuya wababiza bona; waza abo wababizayo, wabuya wabagwebela bona; abo ke wabagwebelayo, wabuya wabazukisa nokubazukisa bona.

31. Síthini na ke ngoko kwezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi, ngubani na ongasichasayo?

32. Lowo, gxebe, ungamconganga owakhe uNyana, wesuka wamnikela ngenxa yethu sonke, angáthini na ukuba angasibabali ngazo zonke ezo zinto, ndawonye naye?

33. Ngubani na oya kumangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo?

34. Ngubani na ogwebayo, inguKristu nje owafayo? ngaphezu koko ke, wabuya wavuka; ongasekunene kukaThixo, osithethelelayo?

35. Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu? Yimbandezelo na, luxinaniso na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuze na, yingozi na, likrele na?

36. Njengokuba kubhaliwe kwathiwa,Ngenxa yakho sibulawa imini yonke;Sibalelwe ekuthini sizizimvu zokuxhelwa.(INdum. 44:22)

37. Kanti ke kwezo zinto zonke, sisuka soyise sigqithisele, ngaye owasithandayo.

38. Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, naziphathamandla, nanto zikhoyo, nanto zizayo, nabuphakamo,

39. nabunzulu, nasinye isidalwa esisimbi, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 8