21. inethemba lokuba nendalo ngokwayo iya kukhululwa ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo.
22. Kuba siyazi ukuba yonke indalo iyancwina, inenimba kunye, unangoku.
23. Asiyiyo ke yodwa; sisuka nathi, banayo intlahlela yoMoya, thina aba ke ngokwethu, sincwine ngaphakathi kwethu, silinde ukwenziwa oonyana; inkululeko yomzimba wethu ke leyo.
24. Kuba sasindiselwa ethembeni; ke ithemba elise libonwa asithemba; kuba oko akubonayo umntu, angaba usakuthembeleni na?
25. Ukuba ke sithembe ukuzuza oko singakuboniyo, sikulinda kakhulu, sinomonde.
26. Ngokukwanjalo ke noMoya uncedisana nokuswela kwethu amandla; kuba esingákuthandazelayo ngokoko simelwe kukuthandaza ngako, asikwazi; uthi ke uMoya ngokwakhe asithethelele ngezincwino ezingathethekiyo.
27. Ke oziphengululayo iintliziyo uyakwazi into okuyiyo ukunyameka koMoya; ngokuba ubathethelela abangcwele ngokukaThixo.
28. Siyazi ke ukuba zonke izinto zisebenziselana okulungileyo kwabo bamthandayo uThixo, kwababiziweyo ngokwengqibo yakhe.