Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 7:7-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Síthini na ke? Umthetho usisono na? Nakanye! Ke ngendingasazanga isono, ukuba bekungengamthetho; kuba nenkanuko ngendingayazanga, ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi, Uze ungakhanuki.

8. Isono ke sizuze ithuba ngawo umthetho, sasebenza ngaphakathi kwam yonke inkanuko; kuba, kungekho mthetho, isono sifile.

9. Mna ke bendifudula ndiphilile, ungekho umthetho; uthe ke wakufika umthetho, sabuya saphila isono,

10. ndafa ke mna; waza umthetho obumiselwe ubomi, wafumaneka kum inguwona usingisa ekufeni.

11. Kuba isono sithe, sizuzé ithuba ngawo umthetho, sandilukuhla, saza ngawo sandibulala.

12. Ngoko ke umyalelo okunene ungcwele; nomthetho ungcwele, unobulungisa, ulungile.

13. Oko ke kulungileyo kwaba kukufa na ke kum? Nakanye! Saye sisisono; ukuze sibonakale sisisono, sisebenza ukufa kum ngoko kulungileyo; ukuze isono ngawo umthetho sibe sisono ngokuncamisileyo.

14. Kuba siyazi ukuba umthetho ungowomoya; ke mna ndingowenyama; kuthengiswe ngam, ndaba phantsi kwesono.

15. Kuba oko ndikwenzayo andikwazi mna; kuba endikuthandayo, oko andikwenzi; endikuthiyayo, oko ndiyakwenza;

16. ukuba ke endingakuthandiyo ndenza khona oko, ndivumelana nomthetho ukuba mhle.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 7