Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 7:2-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Kuba umfazi owendileyo, ubotshiwe ngumthetho kwindoda yakhe, lo gama idla ubomi; ukuba ke ithe yafa indoda, ukhululekile kuwo umthetho ombophe endodeni.

3. Ngoko ke, ukuba úthe waba kuyimbi indoda, yakubon' ukuba indoda yakhe isadla ubomi, kothiwa ngumkrexezikazi. Ke ukuba ithe yafa indoda yakhe, woba ukhululekile kuwo umthetho, ukuba angabi mkrexezikazi, ethe waba kuyimbi indoda.

4. Ngoko ke, bazalwana bam, nani n'abulawa nafa kuwo umthetho ngawo umzimba kaKristu, ukuba nibe kuwumbi, kulowo ke wavuswa kwabafileyo, ukuze sixakathe isiqhamo kuThixo thina.

5. Kuba oko besikwinyama, ukuthabatheka zizono, okube kuxhokonxwa ngawo umthetho, kwakusebenza emalungwini ethu ekuxakatha isiqhamo esisa ekufeni.

6. Ke ngoku sikhululwe thina kuwo umthetho, safayo nje kwesasibanjwe kuko, ngokokude sikhonze sinobutsha bomoya, singakhonzi sinobudala bomthetho obhaliweyo.

7. Síthini na ke? Umthetho usisono na? Nakanye! Ke ngendingasazanga isono, ukuba bekungengamthetho; kuba nenkanuko ngendingayazanga, ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi, Uze ungakhanuki.

8. Isono ke sizuze ithuba ngawo umthetho, sasebenza ngaphakathi kwam yonke inkanuko; kuba, kungekho mthetho, isono sifile.

9. Mna ke bendifudula ndiphilile, ungekho umthetho; uthe ke wakufika umthetho, sabuya saphila isono,

10. ndafa ke mna; waza umthetho obumiselwe ubomi, wafumaneka kum inguwona usingisa ekufeni.

11. Kuba isono sithe, sizuzé ithuba ngawo umthetho, sandilukuhla, saza ngawo sandibulala.

12. Ngoko ke umyalelo okunene ungcwele; nomthetho ungcwele, unobulungisa, ulungile.

13. Oko ke kulungileyo kwaba kukufa na ke kum? Nakanye! Saye sisisono; ukuze sibonakale sisisono, sisebenza ukufa kum ngoko kulungileyo; ukuze isono ngawo umthetho sibe sisono ngokuncamisileyo.

14. Kuba siyazi ukuba umthetho ungowomoya; ke mna ndingowenyama; kuthengiswe ngam, ndaba phantsi kwesono.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 7