Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 7:12-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ngoko ke umyalelo okunene ungcwele; nomthetho ungcwele, unobulungisa, ulungile.

13. Oko ke kulungileyo kwaba kukufa na ke kum? Nakanye! Saye sisisono; ukuze sibonakale sisisono, sisebenza ukufa kum ngoko kulungileyo; ukuze isono ngawo umthetho sibe sisono ngokuncamisileyo.

14. Kuba siyazi ukuba umthetho ungowomoya; ke mna ndingowenyama; kuthengiswe ngam, ndaba phantsi kwesono.

15. Kuba oko ndikwenzayo andikwazi mna; kuba endikuthandayo, oko andikwenzi; endikuthiyayo, oko ndiyakwenza;

16. ukuba ke endingakuthandiyo ndenza khona oko, ndivumelana nomthetho ukuba mhle.

17. Ngoko ke ayisendim osebenza oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam.

18. Kuba ndiyazi ukuba ngaphakathi kwam, oko kukuthi enyameni yam, akumi okulungileyo; kuba ukuthanda kukhó ukubakho oku kum; ke kona ukukusebenza okuhle andikufumani.

19. Kuba okulungileyo endikuthandayo, andikwenzi; khona okubi, endingakuthandiyo, oko ndiyakwenza.

20. Ukuba ke endingakuthandiyo mna, ndenza khona oko, ayisendim okusebenzayo oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam.

21. Ndifumana ngoko lo mthetho kum, ukuba kuthi, ndífuna ukukwenza okuhle, kusuke kubekho okubi kum.

22. Kuba ndikholene nomthetho kaThixo ngokomntu ongaphakathi;

23. kodwa ndibona mthetho wumbi, emalungwini am, usilwa nomthetho wengqiqo yam, undithimbela emthethweni wesono, lowo usemalungwini am.

24. Athi ke mna, mntu uludwayi! Azi, ngubani na oya kundihlangula kuló mzimba woku kufa?

25. Ndiyabulela kuThixo ngoYesu Kristu, iNkosi yethu. Ngoko ke mna ngokwam ngayo ingqiqo okunene ndikhonza umthetho kaThixo; kodwa ngayo inyama ndikhonza umthetho wesono.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 7