Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 6:10-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Kuba ukufa awakufayo, wakufa kwisono kwaba kanye; ubomi ke abudlayo, ubudlela kuThixo.

11. Ngokunjalo nani zibaleleni ekuthini, ningabafileyo okunene kwisono; kodwa ningabadla ubomi kuThixo, nikuKristu Yesu, iNkosi yethu.

12. Ngoko isono masingalawuli emzimbeni wenu onokufa, ukuze nisilulamele ngokwenza iinkanuko zawo.

13. Kanjalo amalungu enu maningawanikeli kuso isono, ukuba abe ziintonga zentswelabulungisa; manizinikele ngokwenu kuThixo, ngokwabaphile babengabafileyo, niwanikele kuThixo amalungu enu, ukuba abe ziintonga zobulungisa.

14. Kuba isono asiyi kuniphatha ngabukhosi; kuba aniphantsi komthetho, niphantsi kobabalo.

15. Kuthiweni na ngoko? Sone na, kuba singephantsi kwamthetho, siphantsi kobabalo?

16. Nakanye! Anazi na ukuba lowo nizinikela kuye ukuba ngabakhonzi bokumlulamela, ningabakhonzi ngoku kulowo nimlulamelayo: nokokuba ningabesono, nisingise ekufeni, nokokuba ningabolulamo, nisingise ebulungiseni?

17. Makubulelwe ke kuThixo, ukuba nithe, beningabakhonzi besono, nawululamela ngokwentliziyo umfuziselo wemfundiso enanikelwayo kuwo;

18. nathi, nákuba nikhululwe ke kuso isono, nakhonziswa kubo ubulungisa.

19. Ndithetha ngokwabantu, ngenxa yobulwelwe benyama yenu; kuba, njengoko nawanikelayo amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi bako ukungcola nokuchasa umthetho, ukuba nichase umthetho: ngokunjalo kalokunje, wanikeleni amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi kubo ubulungisa, ukuba ningcwaliseke.

20. Kuba, oko nibe ningabakhonzi besono, beningabakhululekileyo kubo ubulungisa.

21. Naye ninasiqhamo sini na ke ngelo xesha, ngezi zinto nineentloni ngazo ngoku? Kuba isiphelo sazo kukufa.

22. Kaloku ke, nikhululwe nje kuso isono, naza nakhonziswa kuThixo, nìnaso isiqhamo senu sokuba ningcwaliseke; isiphelo ke sibe bubomi obungunaphakade.

23. Kuba umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 6