Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 6:1-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Masithini na ngoko? Masihlale sihleli na esonweni, ukuze ubabalo lwande?

2. Nankanye! Thina safayo nje kwisono, singáthini na ukuba sahlala kuso?

3. Anazi na ukuba thina sonke, sàbhaptizelwayo kuKristu Yesu, sabhaptizelwa ekufeni kwakhe?

4. Ngoko ke sangcwatywa naye ngokubhaptizelwa ekufeni; ukuze, njengokuba uKristu wavuswayo kwabafileyo ngalo uzuko loYise, sithi ngokunjalo nathi sihambe sinobomi obutsha.

5. Kuba xa similiselwe kuye ngentsobi yokufa kwakhe, somiliselwa kuye nangeyokuvuka kwakhe;

6. síkwazi nje oku, ukuba umntu wethu omdala wabethelelwa emnqamlezweni kunye naye, ukuze umzimba wesono uphuthiswe, size singabi sasikhonza isono;

7. kuba owafayo ugwetyelwe, wakhululwa kuso isono.

8. Ukuba ke safa kunye noKristu, siyakholwa ukuba sodla ubomi kwakunye naye;

9. sisazi ukuba uKristu, evusiwe nje kwabafileyo, akabi safa; ukufa akusamphathi ngabukhosi.

10. Kuba ukufa awakufayo, wakufa kwisono kwaba kanye; ubomi ke abudlayo, ubudlela kuThixo.

11. Ngokunjalo nani zibaleleni ekuthini, ningabafileyo okunene kwisono; kodwa ningabadla ubomi kuThixo, nikuKristu Yesu, iNkosi yethu.

12. Ngoko isono masingalawuli emzimbeni wenu onokufa, ukuze nisilulamele ngokwenza iinkanuko zawo.

13. Kanjalo amalungu enu maningawanikeli kuso isono, ukuba abe ziintonga zentswelabulungisa; manizinikele ngokwenu kuThixo, ngokwabaphile babengabafileyo, niwanikele kuThixo amalungu enu, ukuba abe ziintonga zobulungisa.

14. Kuba isono asiyi kuniphatha ngabukhosi; kuba aniphantsi komthetho, niphantsi kobabalo.

15. Kuthiweni na ngoko? Sone na, kuba singephantsi kwamthetho, siphantsi kobabalo?

16. Nakanye! Anazi na ukuba lowo nizinikela kuye ukuba ngabakhonzi bokumlulamela, ningabakhonzi ngoku kulowo nimlulamelayo: nokokuba ningabesono, nisingise ekufeni, nokokuba ningabolulamo, nisingise ebulungiseni?

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 6