Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 5:2-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. esaba nako ngaye ukuthi singene ngokholo kolu lubabalo simiyo kulo, siqhayise ngokuthemba uzuko lukaThixo.

3. Asikukuphela ke oko; sizingca nangeembandezelo ezi, sisazi ukuba imbandezelo isebenza unyamezelo;

4. unyamezelo ke lusebenza ukucikideka; ukucikideka ke kusebenza ithemba;

5. ithemba ke alidanisi, ngokuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele, esamnikwayo.

6. Kuba uKristu uthe, sakubon' ukuba sisengama-athalala, wabafela ngexesha elimisiweyo abangahloneli Thixo.

7. Kuba kungángenkankulu ukuthi ubani afele ilungisa; kuba uthi mhlawumbi ubani abe nobuganga bokumfela olungileyo;

8. ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon' ukuba sisengaboni, uKristu asifele.

9. Kokukhona sigwetyelwe nje ngegazi lakhe, siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo.

10. Kuba xa sithe, besiziintshaba nje, saxolelaniswa noThixo ngako ukufa koNyana wakhe: kokhona, síxolelanisiwe nje, siya kusindiswa ngobomi bakhe.

11. Asikukuphela ke oko; singabazingca nokuzingca nangaye uThixo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, esamkele ngayo kalokunje uxolelaniso olo.

12. Ngenxa yoko, njengokuba isono sangena ngamntu mnye ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo;

13. kuba kude kwakho umthetho, kukho isono ehlabathini, sibe ke isono singabalelwa mntwini kungekho mthetho.

14. Ukufa ke kwalawula, kuthabathela kuAdam kwezisa kuMoses, nakwabo bangonanga ngokufana nesigqitho sika-Adam, oyintsobi yalowo ubeza kubakho.

15. Sisuke isiphoso asaba njengoko sinjalo sona isibabalo. Kuba, xa abaninzi aba bafa sisiphoso salowo mnye, kokukhona ubabalo lukaThixo, nesipho esingobabalo olu lwaló mntu mnye, uYesu Kristu, saphuphumela kubo abaninzi aba.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 5