Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 5:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngoko, sigwetyelwe nje ngokwaselukholweni, sinoxolo kuThixo ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu;

2. esaba nako ngaye ukuthi singene ngokholo kolu lubabalo simiyo kulo, siqhayise ngokuthemba uzuko lukaThixo.

3. Asikukuphela ke oko; sizingca nangeembandezelo ezi, sisazi ukuba imbandezelo isebenza unyamezelo;

4. unyamezelo ke lusebenza ukucikideka; ukucikideka ke kusebenza ithemba;

5. ithemba ke alidanisi, ngokuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele, esamnikwayo.

6. Kuba uKristu uthe, sakubon' ukuba sisengama-athalala, wabafela ngexesha elimisiweyo abangahloneli Thixo.

7. Kuba kungángenkankulu ukuthi ubani afele ilungisa; kuba uthi mhlawumbi ubani abe nobuganga bokumfela olungileyo;

8. ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon' ukuba sisengaboni, uKristu asifele.

9. Kokukhona sigwetyelwe nje ngegazi lakhe, siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo.

10. Kuba xa sithe, besiziintshaba nje, saxolelaniswa noThixo ngako ukufa koNyana wakhe: kokhona, síxolelanisiwe nje, siya kusindiswa ngobomi bakhe.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 5