Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 4:6-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. kwanjengokuba noDavide eluncoma uyolo lwaloo mntu, uThixo ambalela ubulungisa kungekho misebenzi, esithi,

7. Banoyolo abazigqitho zixolelweyo,Abazono zigutyungelweyo;

8. Inoyolo indoda eya kuthi iNkosi ingakhe ibalele sono kuyo.(INdum. 32:1,2)

9. Olo luyolo ngoko lunconywayo lulolwabolwaluko bodwa na? Asilulo olwabo bangebolwaluko nabo na? Kuba sithi, kuAbraham ukholo lwabalelwa ebulungiseni.

10. Lwathiwani na ke ngoko ukubalelwa kuye? Esekwalukeni, esekungalukini, sini na? Engekhona ekwalukeni; esekungalukini.

11. Waza wamkela umqondiso wolwaluko, waba litywina lokuqinisa ubulungisa bokholo abenalo esekungalukini: ukuba abe nguyise wabo bonke abakholwayo besekungalukini, ukuze ubulungisa bubalelwe nakubo;

12. nokuthi abe nguyise wabalukileyo, abanganele ukuba ngabalukileyo nje kodwa; abathi phezu koko bahambe emkhondweni wokholo lobawo wethu uAbraham, abenalo esekungalukini.

13. Kuba ukumbeka ngedinga uAbraham, nokuba yimbewu yakhe, lokuba yindlalifa yalo ihlabathi, bekungengamthetho; bekungobulungisa bokholo.

14. Kuba abo basemthethweni, ukuba ngabo iindlalifa, ukholo lungaba lwenziwe into engento, nedinga lingaba liphuthisiwe;

15. kuba umthetho usebenza ingqumbo. Ke apho kungekho mthetho, akukho sigqitho.

16. Ngenxa yoku, ilifa lelaselukholweni; ukuze libe ngokobabalo; ukuze idinga liqiniseke kuyo yonke imbewu; lingabi kweyasemthethweni yodwa, libe nakweyaselukholweni luka-Abraham, ongubawo wethu sonke

17. (njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndikumisile ukuba ube nguyise weentlanga ezininzi), phambi koThixo awakholwáyo kuye, obadlisa ubomi abafileyo, azibize izinto ezingekhoyo, zinge zikho.

18. Owakholwayo ngethemba, kungekho nethemba eli, ukuze abe nguyise weentlanga ezininzi, ngokoko kwathethwayo: Iya kuba njalo imbewu yakho.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 4