19. Wathi, engebuthathaka nje ngokholo, akondela emzimbeni wakhe, obuselufile (emayela ekhulwini leminyaka ezelwe), kwanokufa kwesizalo sikaSara;
20. owathi, ngokusingisele kwidinga likaThixo, akathandabuza ngokungakholwa; wesuka womelela ngokholo, ezukisa uThixo,
21. eqinisekile ukuba oko akumise ngedinga, unako nokukwenza.
22. Kungoko kwabalelwa nokubalelwa ebulungiseni kuye.
23. Ke kaloku, ukuba kwabalelwa kuye, akubhalwanga ngenxa yakhe yedwa;
24. kwabhalwa nangenxa yethu, thina kwakuza kubalelwa kuthi, thina bakholwayo kulowo wamvusayo uYesu iNkosi yethu kwabafileyo;
25. owanikelwa ngenxa yeziphoso zethu, waza wabuya wavuswa ngenxa yokugwetyelwa kwethu.