Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 4:15-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. kuba umthetho usebenza ingqumbo. Ke apho kungekho mthetho, akukho sigqitho.

16. Ngenxa yoku, ilifa lelaselukholweni; ukuze libe ngokobabalo; ukuze idinga liqiniseke kuyo yonke imbewu; lingabi kweyasemthethweni yodwa, libe nakweyaselukholweni luka-Abraham, ongubawo wethu sonke

17. (njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndikumisile ukuba ube nguyise weentlanga ezininzi), phambi koThixo awakholwáyo kuye, obadlisa ubomi abafileyo, azibize izinto ezingekhoyo, zinge zikho.

18. Owakholwayo ngethemba, kungekho nethemba eli, ukuze abe nguyise weentlanga ezininzi, ngokoko kwathethwayo: Iya kuba njalo imbewu yakho.

19. Wathi, engebuthathaka nje ngokholo, akondela emzimbeni wakhe, obuselufile (emayela ekhulwini leminyaka ezelwe), kwanokufa kwesizalo sikaSara;

20. owathi, ngokusingisele kwidinga likaThixo, akathandabuza ngokungakholwa; wesuka womelela ngokholo, ezukisa uThixo,

21. eqinisekile ukuba oko akumise ngedinga, unako nokukwenza.

22. Kungoko kwabalelwa nokubalelwa ebulungiseni kuye.

23. Ke kaloku, ukuba kwabalelwa kuye, akubhalwanga ngenxa yakhe yedwa;

24. kwabhalwa nangenxa yethu, thina kwakuza kubalelwa kuthi, thina bakholwayo kulowo wamvusayo uYesu iNkosi yethu kwabafileyo;

25. owanikelwa ngenxa yeziphoso zethu, waza wabuya wavuswa ngenxa yokugwetyelwa kwethu.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 4