Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 4:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yintoni na ngoko esiya kuthi, uAbraham, ubawo wethu, ufumene yona ngokwenyama?

2. Kuba uAbraham, ukuba wayegwetyelwe ngokwasemisebenzini, ange eneqhayiya; akanalo ke phambi koThixo.

3. Kuba sithini na isibhalo? Sithi ke, Wakholwa uAbraham kuThixo, kwaza oko kwabalelwa kuye ebulungiseni.

4. Ke kaloku, kulowo usebenzayo, umvuzo àwubalelwa ngokwaselubabalweni; ubalelwa ngokwasekubangweni.

5. Ke kulowo ùngasebenziyo, ùthi akholwe kuye omgwebelayo lowo ungahloneli Thixo, ukholo lwakhe lubalelwa ebulungiseni;

6. kwanjengokuba noDavide eluncoma uyolo lwaloo mntu, uThixo ambalela ubulungisa kungekho misebenzi, esithi,

7. Banoyolo abazigqitho zixolelweyo,Abazono zigutyungelweyo;

8. Inoyolo indoda eya kuthi iNkosi ingakhe ibalele sono kuyo.(INdum. 32:1,2)

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 4