Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 3:9-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Kuthiweni na ke? Sinomkhusane na? Hayi, unakanye! Kuba besesiwamisele ityala amaYuda kwanamaGrike, lokuba baphantsi kwesono bonke;

10. njengokuba kubhaliwe kwathiwa,Akukho lungisa, hayi, nalinye;

11. Akukho uqondayo;Akukho umfunisisayo uThixo!

12. Bonke baphambukile; bephelele, àbancedi lutho;Akukho wenza okulungileyo; akukho nokude abe mnye.(INdum. 14:3)

13. Lingcwaba elivulekileyo umqala wabo,Ngeelwimi zabo bamana ukukhohlisa.(INdum. 5:9)Ubuhlungu bamaphimpi buphantsi kwemilebe yomlomo wabo.(INdum. 140:3)

14. Abamlomo uzele kukuqalekisa nobukrakra.(INdum. 10:7)

15. Iinyawo zabo zinamendu okuphalaza igazi;

16. Lityumtyum neentsizi ezindleleni zabo;

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 3