28. Ngomthetho wokholo. Ngoko ke sigqiba kwelithi, umntu ugwetyelwa ngokholo, kungekho misebenzi yamthetho.
29. Kanene uThixo ungowamaYuda odwa na? Akanguye na noweentlanga?
30. Ewe, ngoweentlanga nazo; ekubeni emnye uThixo, oya kugwebela abolwaluko ngokwaselukholweni, nabangengabolwaluko ngalo ukholo.
31. Umthetho ngoko siyawuphuthisa na ngalo ukholo? Nakanye! Siyawumisa wona umthetho.