Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 3:23-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. kuba akukho kwahluka; kuba bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo;

24. begwetyelwe ngesisa lubabalo lwakhe ngako ukukhululwa ngentlawulelo ekuYesu Kristu;

25. athe uThixo wammisa, ukuba abe sisicamagushelo ngegazi lakhe, ngako ukukholwa, ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngenxa yokuyekelelwa kwezono ezibe zenziwe ngenxa engaphambili, ekunyamezeleni kukaThixo;

26. ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngeli xesha lakalokunje, ukuze abe lilungisa, kwanomgwebeli walowo waselukholweni lukaYesu.

27. Luphi na ngoko uqhayiso? Luvalelwe ngaphandle. Ngamthetho mni na? Ngowemisebenzi na? Hayi!

28. Ngomthetho wokholo. Ngoko ke sigqiba kwelithi, umntu ugwetyelwa ngokholo, kungekho misebenzi yamthetho.

29. Kanene uThixo ungowamaYuda odwa na? Akanguye na noweentlanga?

30. Ewe, ngoweentlanga nazo; ekubeni emnye uThixo, oya kugwebela abolwaluko ngokwaselukholweni, nabangengabolwaluko ngalo ukholo.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 3