Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 3:11-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Akukho uqondayo;Akukho umfunisisayo uThixo!

12. Bonke baphambukile; bephelele, àbancedi lutho;Akukho wenza okulungileyo; akukho nokude abe mnye.(INdum. 14:3)

13. Lingcwaba elivulekileyo umqala wabo,Ngeelwimi zabo bamana ukukhohlisa.(INdum. 5:9)Ubuhlungu bamaphimpi buphantsi kwemilebe yomlomo wabo.(INdum. 140:3)

14. Abamlomo uzele kukuqalekisa nobukrakra.(INdum. 10:7)

15. Iinyawo zabo zinamendu okuphalaza igazi;

16. Lityumtyum neentsizi ezindleleni zabo;

17. Nendlela yoxolo abayazanga.(UIsaya 59:7,8)

18. Akukho koyika Thixo phambi kwamehlo abo.(INdum. 36:1)

19. Siyazi ke ukuba izinto zonke ozithethayo umthetho, uzithetha kwabaphantsi komthetho; ukuze imilomo yonke ivingcwe, nehlabathi lonke libe netyala kuThixo.

20. Ngokokuba, ngokwasemisebenzini yomthetho, akuyi kugwetyelwa nyama emehlweni akhe; kuba isono saziwe ngokubakho komthetho.

21. Ngoku ke kubonakaliswe ubulungisa bukaThixo, kungekho mthetho, bungqinelwa nguwo umthetho nabaprofeti;

22. ubulungisa ke bukaThixo, obungokukholwa kuYesu Kristu, bube bobabo bonke, buphezu kwabo bonke abakholwayo;

23. kuba akukho kwahluka; kuba bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo;

24. begwetyelwe ngesisa lubabalo lwakhe ngako ukukhululwa ngentlawulelo ekuYesu Kristu;

25. athe uThixo wammisa, ukuba abe sisicamagushelo ngegazi lakhe, ngako ukukholwa, ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngenxa yokuyekelelwa kwezono ezibe zenziwe ngenxa engaphambili, ekunyamezeleni kukaThixo;

26. ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngeli xesha lakalokunje, ukuze abe lilungisa, kwanomgwebeli walowo waselukholweni lukaYesu.

27. Luphi na ngoko uqhayiso? Luvalelwe ngaphandle. Ngamthetho mni na? Ngowemisebenzi na? Hayi!

28. Ngomthetho wokholo. Ngoko ke sigqiba kwelithi, umntu ugwetyelwa ngokholo, kungekho misebenzi yamthetho.

29. Kanene uThixo ungowamaYuda odwa na? Akanguye na noweentlanga?

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 3