Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 3:11-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Akukho uqondayo;Akukho umfunisisayo uThixo!

12. Bonke baphambukile; bephelele, àbancedi lutho;Akukho wenza okulungileyo; akukho nokude abe mnye.(INdum. 14:3)

13. Lingcwaba elivulekileyo umqala wabo,Ngeelwimi zabo bamana ukukhohlisa.(INdum. 5:9)Ubuhlungu bamaphimpi buphantsi kwemilebe yomlomo wabo.(INdum. 140:3)

14. Abamlomo uzele kukuqalekisa nobukrakra.(INdum. 10:7)

15. Iinyawo zabo zinamendu okuphalaza igazi;

16. Lityumtyum neentsizi ezindleleni zabo;

17. Nendlela yoxolo abayazanga.(UIsaya 59:7,8)

18. Akukho koyika Thixo phambi kwamehlo abo.(INdum. 36:1)

19. Siyazi ke ukuba izinto zonke ozithethayo umthetho, uzithetha kwabaphantsi komthetho; ukuze imilomo yonke ivingcwe, nehlabathi lonke libe netyala kuThixo.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 3