Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 3:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Úgqithisele ngantoni na ngoko umYuda kwabanye? Kunceda ntoni na ukwaluka?

2. Kukhulu, ngeendlela zonke. Kuba ke, ukuqala, báphathiswa izihlabo zikaThixo.

3. Kuyini na khona, ukuba abathile abakholwanga? Ukungakholwa kwabo kokuphuthisa na ukuthembeka kukaThixo?

4. Nakanye! UThixo yena makabe nenyaniso, bonke abantu ke babe ngamaxoki; njengokuba kubhaliwe kwathiwa,Ukuze ube nokugwetyelwa emazwini akho,Wèyise ekumangalelweni kwakho.(INdum. 51:4)

5. Ke ukuba ukuswela-kulungisa kwethu kuqondakalisa ubulungisa bukaThixo, sothini na? Úswele ukulungisa na uThixo, lo uhlisa umsindo wakhe? (Ndithetha ngokomntu.)

6. Nakanye! Oko ubengáthini na uThixo ukuligweba ihlabathi?

7. Ke ukuba inyaniso kaThixo iphuphumele ekuthini azukiswe ngobuxoki bam, ndisagwetywa ngani na mna ngokomoni?

8. Yini na ukuba singabi sesisithi (ngoko ke sinyeliswayo, ngoko ke abathile bathi, sìthi thina), Masenze okubi, ukuze kuvele okulungileyo? abakugwetywa kuyeleleyo.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 3