27. Kuthi ukungaluki, oko kwasemvelweni, ngokuwuzalisa umthetho, kukugwebe wena ungumgqithi-mthetho, noko unesibhalo nolwaluko?
28. Kuba umYuda asingulowo unguye ngokwangaphandle, nolwaluko asilulo olo lwangaphandle enyameni;
29. umYuda ngulowo wasemfihlekweni, nolwaluko lolwentliziyo ngomoya, kungengantetho: yena ùkudunyiswa kwakhe kungaphumi bantwini, kuphuma kuThixo.